UMTHETHO OYILWAYO WOKHATHALELO LWEMPILO YENGQONDO
Njengoko ulungisiwe yiKomiti yeSebe loLawulo kwiMpilo iNdlu yoWiso-mThetho
Uxwebhu lwesiNgesi luxwebhu olusemthethweni lomThetho oYilwayo
UMPHATHISWA WEZEMPILO
IZILUNGISO ZEKOMITI YESEBE LOLAWULO
KUMTHETHO OYILWAYO WOKHATHALELO LWEMPILO YENGQONDO
Njengoko kuvunyiwe yiKomiti yeSebe loLawulo kwiiNkonzo zeNtlalo iBhunga likaZwelonke lamaPhondo
IZILUNGISO EKUVUNYELWENE NGAZO
KUMTHETHO OYILWAYO WOKHATHALELO LWEMPILO YENGQONDO
Kwiphepha le-11, kumgca wesi-7, emva kwe-"19" ukufakwa kwesi-" .
UMHLATHI WAMA-20
Kwiphepha le-11, kumgca wama-23, emva "kwabantu" ukufakwa kuka "abangabemi boMzantsi Afrika".
UMHLATHI WAMA-23
Kwiphepha le-12, kumgca we-19, ukushiywa "komhlathi (a)" endaweni yakhe ibe "licandelwana ".
UMHLATHI WAMA-47
Kwiphepha lama-23, kumgca we-10, ukushiywa kuka "iNkundla ePhakamileyo" endaweni yakhe ibe "yijaji kwigumbi lejaji lokuxoxa amatyala angafuni ukuya enkundleni"
Kwiphepha lama-23, kumgca wama-43, ukushiywa kuka "iNkundla ePhakamileyo" endaweni yakhe ibe "yijaji kwigumbi lejaji lokuxoxa amatyala angafuni ukuya enkundleni"
Kwiphepha lama-23, kumgca wama-56, ukushiywa kuka "iNkundla ePhakamileyo" endaweni yakhe ibe "yijaji kwigumbi lejaji lokuxoxa amatyala angafuni ukuya enkundleni"
Kwiphepha lama-24, kumgca wesi-6, ukushiywa kuka "ukucela uMphathi weNkundla ePhakamileyo ebandakanyekayo ukuba".
Kwiphepha lama-24, kumgca wesi-7, ukushiywa kuka "omnye umlawuli" endaweni yakhe ibe "ligosa lomthetho"
Kwiphepha lama-24, kumgca we-12, ukushiywa kuka "mlawuli" endaweni yakhe ibe "ligosa lomthetho"
Kwiphepha lama-24, kumgca we-14, ukushiywa kuka "iNkundla ePhakamileyo" endaweni yakhe ibe "yijaji kwigumbi lejaji lokuxoxa amatyala angafuni ukuya enkundleni"
Kwiphepha lama-24, kumgca wama-20, ukushiywa kuka "iNkundla ePhakamileyo" endaweni yakhe ibe "yijaji kwigumbi lejaji lokuxoxa amatyala angafuni ukuya enkundleni"
Kwiphepha lama-24, emva komgca wama-25, ukongeza:
Ngokwenjongo zeli candelo "igosa lomthetho" lithetha igqwetha okanye igqwetha lejaji elinelungelo lokuvela kwiNkundla ePhakamileyo.
UMHLATHI WAMA-48
Kwiphepha lama-25, kumgca wesi-3, ukushiywa kuka "iNkundla ePhakamileyo" endaweni yakhe ibe "yijaji kwigumbi lejaji lokuxoxa amatyala angafuni ukuya enkundleni"
UMHLATHI WAMA-60
Kwiphepha lama-30, kumgca wesi-14, ukushiywa "kwecandelwana " endaweni yalo ibe "ngamacandelwana " nele "
Kwiphepha lama-30, kumgca we-18, ukushiywa kuka "umnumzana wokurhafisa ngokwekwimithetho-siseko ebandakanyekayo kwimithetho eyilwayo yokurhafisa yeendleko kwiinkqubo zoluntu" endaweni yake ibe:
uMnumzana emva kokucebisana kunye nomntu oqhuba uphando
UMHLATHI WAMA-61
Kwiphepha lama-30, kumgca wama-45, ukushiywa kuka "onokuba nguye"
Kwiphepha lama-30, kumgca wama-50, ukushiywa kuka "umnumzana wokurhafisa ngokwekwimithetho-siseko ebandakanyekayo kwimithetho eyilwayo yokurhafisa yeendleko kwiinkqubo zoluntu" endaweni yake ibe:
uMnumzana emva kokucebisana kunye nomntu oqhuba uphando
UMHLATHI WAMA-63
Kwiphepha lama-31, kumgca wesi-3, ukushiywa kuka "kwiintsuku zakhe ezingama-30" endaweni yakhe ibe "phambi kokuba umnumzana weNkundla ePhakamileyo asayine isaziso esisemthethweni se"
Kwiphepha lama-31, kumgca wama-44 kunye nama-45, ukushiywa "komhlathi (b)".
UMHLATHI WAMA-65
Kwiphepha lama-32, kumgca wama-41, ukushiywa kuka "abantwana okanye abantwana" endaweni yakhe ibe "ngumntu okanye umntu".
Kwiphepha lama-32, kumgca wama-43, emva kwama-"79" kufakwe ama"83"
Kwiphepha lama-32, kumgca wama-45, ukushiywa kuka "umntwana" endaweni yakhe ibe "ngumntu"
UMHLATHI WAMA-67
Kwiphepha lama-33, kumgca wama-43, emva ko "ngaphantsi" endaweni yakhe ibe "ye"
UMHLATHI WAMA-70
Kwiphepha lama-34, kwimigca yama-48 kunye nama-49, ukushiywa kuka "isohlwayo esingadluliyo kuma-R5000 okanye ukuvalelwa ixesha elingadlulanga kwiinyanga ezintandathu, okanye isohlwayo esinjalo okanye ukuvalelwa okunjalo: endaweni yakhe ibe:
isohlwayo okanye ukuvalelwa ixesha elingadluliyo kwiinyanga ezintandathu okanye kuzo zombini isohlwayo esinjalo okanye ukuvalelwa okunjalo.
UMHLATHI WAMA-74
Kwiphepha lama-36, kumgca woku-1, ukushiywa kuka "ukwamkelwa" endaweni yake ibe "ukubanjwa".
UMHLATHI WAMA-75
